News

Makuphele ukuxhatshazwa kwamanina #KhangaUCT

IMG_9467.JPG

Khanga UCT (Pic: Dima Nchodu)

Namhlanje kuqokelelene abafundi kunye namatsha-ntliziyo aseUCT. Phantsi kwebhena uKhanga UCT, befuna kuphele unkhuba wokudlwengulwa. Esi siqhankqalazo kunye nomboniso ochukumisayo uqale Kwikhampasi esembindini, saze sayokugqityezelwa kwiJammie Plaza apho bekuphalazwa iimbilini bekwazikhotha namanxeba. Esi siqhankqalazo sibanjwe ngenjongo yohlaba ikhwelo, kwiphulo elithi ‘Phantsi ngobundlobongela eUCT’. Lengcamango ivuselelwe ngamatshantliziyo aseUWC awaqala eliphulo lokusiphula ingcambu zobundlobongela kwabo basemngciphekweni nokufuna ingalo yomthetho ithethelele ingxwelerheka zobundlobongela.
Nangona ibisisiqhankqalazo esizolileyo, siqale ngengoma yomzabalazo. Bahambe besima kwindawo ezifana neKramer kunye naseUpper Campus Cafeteria, befunda umbongo othi “I am Khanga”,bandule ngokungenanzulu kwisizekabani. Eliqembu lime kwizithili ezibalulekileyo apho kwakhukho umfanekiso oqingqiweyo kaRhodes, nalapho kwakwakhiwe ityotyombe “Shackville”, nakwindlelana bemana ukumamela imbongi zizityand’igila.
Emva kwemibongo eCafeteria, abaqhankqalazi badlulele eJammie Stairs apho banxuse ucingo elanekwe impahla ezinombalo “CONSENT” othetha ‘IMVUMELWANO’.

Eliqembu liye lamabhungxe phambi kwalomboniso wempahla ezonekwe ecingweni,bathatha ithuba bethwe cwaka behlonipha abo banamava okuphathwa ngobundlobongela nokundlandlathekiswa.

Bawuqhawule lo cwaka ngokuhlabela ingoma bekhanyisa namakhandlela baze bawafaka kwinto enamanzi kumbindi weJammie Plaza.Esi senzo besivelana nabo bathe baxhatshazwa ngekwesondo baze baphathwa gadalala. Isikhanyiso samakhandlela avuthayo besimele ukubonisa abasindileyo, lawo acimileyo ebonisa abobathe ngelishwa abakwazi ukusinda.
Abaqhankqalazi beKhanga UCT bavale ngokunikezela ithuba kwabo bebefuna ukuzityand’igila bathethe ngamava abo. Ngethamsanqa eliphulo lakhe indwawo apho abantu bangaphalaza imbilini zabo kwaye bafumane ukuphila.

Translation:

The students and activists of UCT, under the banner of Khanga UCT; held an End Rape Culture protest today. This “protest and moving demonstration” which started on middle campus, and concluded on Jammie plaza was a space meant for expressing pain and healing. The aim of this protest was to launch the anti-violence initiative at UCT. This idea was inspired by the activists of UWC. They started this initiative to combat all forms of violence against the most marginalised bodies, and to get justice for those who had been assaulted and violated. It aims to give a voice to the silenced, and bring attention to the stories that the University tried to erase.

IMG_9466.JPG

Khanga UCT (Pic: Dima Nchodu)

The protest began with a song, although this it was a silent protest. The poem “I am Khanga” was read at stops like the Kramer cafeteria and Upper campus cafeteria, and further context to the movement was provided. The group stopped at significant points; where the Rhodes statue used to be, and where Shackville used to be, and the subway. Personal poetry was performed here.
After the poetry in the cafeteria, the group descended the Jammie stairs where a washing line was displaying clothing; that spelt out “CONSENT”. The mass then stood in front of the washing-line exhibition and had a moment of silence for all those who have ever experienced violence and assault.
The mass then broke the silence by singing and lighting candles, which they placed on the water feature in the middle of Jammie plaza. This act was a tribute to those who have experienced any kind of sexual violence and assault. The candles that were burning symbolized those who survived, and the ones that burnt out are the ones who unfortunately did not.
The Khanga UCT activists then concluded the protest by opening the space to people who needed to express themselves, and speak out about their experiences. Ultimately, the initiative successfully created an artistic space for expression, and healing.

Ibhalwe ngu: Dima Nchodu

Iguqulelwe ngu: Kamva Ndesi

Advertisements

Categories: News

Leave a Reply

Fill in your details below or click an icon to log in:

WordPress.com Logo

You are commenting using your WordPress.com account. Log Out /  Change )

Google+ photo

You are commenting using your Google+ account. Log Out /  Change )

Twitter picture

You are commenting using your Twitter account. Log Out /  Change )

Facebook photo

You are commenting using your Facebook account. Log Out /  Change )

w

Connecting to %s