Simisiwe isicelo sebheyile somrhanelwa kwityala lokubulawa kwetshantliziyo #JusticeForMoziah 

Cape Town- U-Alfred Bangani uvele kwiNkudla kaMantyi yaseKhayelitsha ngoMvulo, uBangani urhanelwa ngokubulala u-Mthunzi ‘Ras Moziah’ Zuma itshantliziyo kwidabi lomhlaba labanxusi eTown 2.
Ukuvela komrhanelwa kuza emva kokuba ityala lalirhoxisiwe ngumcuphi ngelithi ubungqina abonelanga ukuba kungatshutshiswa. Ityala laphinda lavulwa emva kokukhalaza kosapho, laze lagqithiselwa kumapolisa aseHarare.
Isicelo sebheyile simiselwe uLwesithathu, 28 eyeSilimela, ukulungiselela umtshutshisi aqokelele ubungqina.
The bail hearing of the man charged with the murder of Ras Moziah has been postponed to Wednesday (28 June) to allow the prosecutor to collect evidence necessary to proceed with the hearing.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

Back To Top