News

BREAKING NEWS: CPUT commits to insourcing | I-CPUT izimisele ukuqasha oonogada nabacoci

Sakhikhaya Dlala

Scroll down for English

Cape Town – Idyunivesithi I-CPUT ikhuphe ingxelo ngoMvulo ebonakalisa ukuzimisela kwaledyunivesithi ekuqesheni oonogada kunye nabacoci ababesaya kuqeshwa ziinkampani zabucala.

CPUT commitment to insourcing and dropping of student criminal charges (Pic: Sakhikhaya Dlala)

Abasebenzi baseCPUT batyikitye izivumelwano zokuqala namhlanje emva kweengxoxo ezithathe iveki yonke ephelileyo. Oku kuza emva kokuba abafundi kunye nabasebenzi bakhokhelela ekuvalweni kwaledyunivesithi okwethutyana kwiveki ephelileyo.

Isivumelwano sokuqala esityikitywe ngabasebenzi | CPUT pre-contract signed by workers (Pic: Sakhikhaya Dlala)

Eyona miba ibitshis’ ibunzi iquka: ukuqeshwa kwabasebenzi yidyunivesithi ubuqu, nesicelo sabafundi sokuba idyunivesithi ibhalele ileta kwiGunya Bantu lezoTshutshiso (NPA) icebisa ngelithi makachithwe amatyala wabafundi adibene noqhankqalazo lwephulo iFMF.

Ephawula malunga noku, inkokheli yabasebenzi u-Arthur Xolani uthe nangona eyamkela lenkqubela intle uziva engonelisekanga ncam ngoba ezinye iinkcukacha ezifana nomvuzo azikaxoxwa.

Okukuqeshwa kwabasebenzi yi-CPUT kulindeleke kutshintshe ubomi babasebenzi ukuze bafumane onke amaqithi-qithi afunyanwa ngabasebenzi baledyunivesithi. Kukwalindeleke nokuba bafumane i-Medical Aid nomvuzo othe xaxe kodwa ezonkcukacha azikaqosheliswa.

Kumba wabafundi abanamatyala, iinqununu zaledyunivesithi zithe zizimisele ukubhala iileta eziya kwiinkundla zamatyala ezicebisa ukuba  iinkudla zivumele abafundi bakwazi ukuqhubeleka nezifundo zabo.

NgoMvulo beziqhubeleka izifundo eCPUT. Abasebenzi kulindeleke babuyele emsebenzini ngoLwesibini.

English Translation: 

The Cape Peninsula University of Technology committed to insourcing security guards and workers on Monday.

CPUT workers signed their insourcing pre-contracts on Monday after a week long student-worker struggle that led to a temporary shutdown of the institution last week.

The temporary shutdown was centered on two issues: insourcing of workers and request to the university to submit motivations to the National Prosecuting Authority for the dropping of Fees Must Fall criminal charges.

Speaking to Vernac News worker’s leader Arthur Xolani said that though he welcomed the progress made he felt that they had received a ‘blank cheque’ as details of the agreement such as income scale are yet to be ironed out.
The commitment to insourcing is expected to change the lives of CPUT workers as they stand to gain all benefits associated with CPUT employees. They are expected to have access to medical aid which was previously not accessible on their outsourced contracts, better wages and job security. However the full details of the agreement are yet to be concluded.

The University has also made commitment to submit motivational letters to the courts to ‘allow all students charged to complete their studies at CPUT’.

Classes continued as normal on Monday at the Bellville Campus. Security and cleaning workers are expected to return to work on Tuesday.

Advertisements

Categories: News

Tagged as: , ,

Leave a Reply

Fill in your details below or click an icon to log in:

WordPress.com Logo

You are commenting using your WordPress.com account. Log Out / Change )

Twitter picture

You are commenting using your Twitter account. Log Out / Change )

Facebook photo

You are commenting using your Facebook account. Log Out / Change )

Google+ photo

You are commenting using your Google+ account. Log Out / Change )

Connecting to %s