News

‘Maliphume isela elinguZuma e-ofisini’ #UniteBehind (isiXhosa)

Abemi boMzantsi Afrika kumngcelele wokufak’ uxinzelelo kumalungu wePalamente ukuba avotele ukugxotha uMongameli Zuma (Pic: Sakhikhaya Dlala)

Ekapa- Amaqela ngamaqela wamatshantliziyo ebebambe umngcelele osingise ePalamente ngoMvulo ngelokufaka uxinzelelo kumalungu wasePalamente ukuba aguzul’ uMongameli Zuma kuvoto lokungamthembi oluzobanjwa ngomso.

Lomngcelele ubuzinyaswe liwaka labantu ubuququzezelwe phantsi kwegama u #UniteBehind neyingqokelela yamaqela afana ne- Equal Education, Right 2 Know, SaveSA, Cosatu kunye namanye amaqela ezolopitiko.

 

Isithethi esiphambili uMcebisi Jonas sithe ‘eyona mpazamo sayenzayo ngo-1994 yayikukunikezela onke amandla woluntu wokuququzela kumaqela ezopolitiko sizikhohlisa sicinga okokuba singathembela kuwo’. UJonas uhlab’ ikhwelo ngelithi ‘masilithath’ izwe lethu kwabo balisebenzisa gwenxa behlohla ezabo’, nekuvakala njengwesikweko kuMongameli UZuma kunye nosapho lakwaGupta.

uJonas uthethe emva komfundi u-Amahle Gengqiwe obongoze amalungu ePalamente ukuba asebenzise uvoto lwangomso ukuguzul’ uZuma ‘ukuze ‘kukhululeke uMzantsi Afrika’.

Umongameli weBhunga leeTyalike (SACC) uBishophu Ziphozihle Siwa ulumkise ngelithi “Ukuba amalungu ePalamente akamguzul’ uZuma, sizakubuya simsuse ngokwethu esihlalweni’. Amazwi kaBishophu aphindwe yinkokheli yeCosatu eNtshona Koloni u-Tony Ehrenreich xa esithi ‘ukuba akakhutshwa esihlalweni ngomso isela elinguZuma, sizakubuyela epha silinani elikhulu’.

Itshantliziyo uVuyiseka Dubula unikezele ngoxwebhu lwezikhalazo ku Advocate Modibedi Phindela ongunobhala weBhunga lamaPhondo leSizwe. Owona mba uphambili kwelixemwebhu kukugxothwa kukaMongameli uZuma esihlalweni sakhe.

Umngcelele uphele nje emva kwentsimbi yesihlanu.

Kulindeleke amalungu ePalamente avote ngomso kunyulo olubonakalisa ukungamthembi uMongameli Zuma. Isithethi sePalamente uNkosikazi Baleka Mbethe sithe oluvoto luzakuba lolufihlakeleyo. Kazi iyozala nkomoni?

Advertisements

Leave a Reply

Fill in your details below or click an icon to log in:

WordPress.com Logo

You are commenting using your WordPress.com account. Log Out / Change )

Twitter picture

You are commenting using your Twitter account. Log Out / Change )

Facebook photo

You are commenting using your Facebook account. Log Out / Change )

Google+ photo

You are commenting using your Google+ account. Log Out / Change )

Connecting to %s