News

Late detective delays Khayelitsha murder case | Ubuvila bomcuphi bulibazisa ityala lika Ras Moziah #JusticeForMoziah

Staff Reporter
Ekapa – Ityala elibekwe u-Alfred Makinana orhanelwa ngokubulala itshantliziyo laseKhayelitsha, uMthunzi ‘Ras Moziah’ Zuma, likhutshiwe kuluhlu lwatyala phambi kweNkundla ka Mantyi yaseKhayelitsha.

 

UMakinana ubevele phambi kukaMantyi u-Vernon Jantjies ngoLwesiHlanu kwiNkundla kaMantyi eKhayelitsha. UMakinana wafumana ibheyile ye-R500 ngomhla wama-28 eyeSilimela.

 

Usapho lakwaZuma luxhaswa ngamaqabane kaRas Moziah lugqibe ngokuya buqu kwisitishi samapolisa iLingelethu ngelokukhalaza ngempatho mbi yetyala ngumcuphi. Intloko yabacuphi eLingelethu ixolisile kusapho lakwaZuma waze wathembisa ngokusombulula lo mba ngokukhawulezileyo ukwenzela ukuba ityala liphindele kuluhlu lwamatyala enkundleni.

 

Akukagqitywa ngomhla wokubuyela komrhanelwa enkudleni.

 

UZuma wagetyengwa ngobusuku bama-28 ekaCanzibe emva kokukhokhela abanxusi ekoxutheni isiza somhlaba eTown 2. Idabi lomhlaba lase Town 2 lusube imiphefumlo emibini oko laqala kwinyanga kaCanzibe.

 

English Translation

Cape Town – The case against Alfred Makinana accused of allegedly murdering Khayelitsha land activist, Mthunzi ‘Ras Moziah’ Zuma was struck off the roll on Friday after the case docket arrived late at the court.

 

Makinana appeared before Margistrate Vernon Jantjies on Friday morning at the Khayelitsha Margistrate’s Court. He was granted R500 bail on the 28th of June.

 

The Zuma family accompanied by Ras Moziah’s comrades who were aggrieved by the shoddy handling of the case, went to Lingelethu West Police Station to report the matter. The head of detectives at the station apologised to the family and promised that the matter would be put on the roll as soon as possible.

No date has been set yet for Makinana’s next court appearance.  

 

Zuma was murdered on the evening of 28 May after having led the land occupation of backyarders in Town 2. The land occupation has already claimed two lives since it began in the middle of May.

 

 

Advertisements

Leave a Reply

Fill in your details below or click an icon to log in:

WordPress.com Logo

You are commenting using your WordPress.com account. Log Out /  Change )

Google+ photo

You are commenting using your Google+ account. Log Out /  Change )

Twitter picture

You are commenting using your Twitter account. Log Out /  Change )

Facebook photo

You are commenting using your Facebook account. Log Out /  Change )

Connecting to %s