News

Abafundi baseUCT bathi ‘‪phantsi ngobudlwengu’ | ‘Disrupt rape culture’ protest held at UCT

Staff Writer 

Ekapa- Iqela lamanina angamatshintliziyo ebebambe uqhankqalazo lwenzolo oluchasene nomkhwa wodlwengulo kwiDyunivesithi yaseKapa ngoLwesibini.

Oluqhankalazo beluququzelelwe yi AIDS Healthcare Foundation (AHF) ibambisene namaqela amatshantlaziyo afana ne UCT Survivors kunye ne UCT Sexual Assault Response Team. 

Abaqhankqalazi bebebambe inzolo, besenza umngcelele osuka kwikhampasi enkulu ukuya eBremner. Imilomo ibivalwe ngeteyiphu emnyama. Izalathi zoqhankqalazo bezinamagama wabaswelekayo ngenxa yobundlobongela obuchaphazela amanina. 

Abaqhankalazi bathe xa befika eBremner, nalapho kusebenza abaphathi bedyunivesithi, bazifisa befuzisela loo manina athi anabela uqaqa ngokudlwengulwa nangogugetyengwa. 

Izikhalazo zalamatshantliziyo ziquka ukungaxelwa kwamatyala amaninzi ngenxa loyoyiko. Amaqela afana ne UCT Survivors zisebenzisana ne UCT Sexual Assault Response Team bancedisana nabo bathi bazibone befuna uncedo. 

ULarissa Klazinga we-AHF uthe kufuneka abasindileyo kudlwengulo bafumane ichiza iPEP ogama lipheleleyo lingu post-exposure prophylaxis elisetyenziswa emva kodlwengulo ukukhawulelana nokwesuleleka ngesifo ugawulayo. 

Oluqhankalazo lwenzolo beluke labanjwa nakwamanye amaphondo eli.

English summary:

UCT Student activists had a silent march against rape culture today organized by the AIDS Healthcare Foundation (AHF) working together with UCT Survivors and the UCT Sexual Assault Response Team.

The groups were protesting against rape culture on the campus. 

The silent protest moved from Upper Campus to Bremner where a ‘die in’ was held in recognition of those who had died from rape and murder.

Activists stressed for the provision of the Post Exposure Prophylaxis used to prevent the spread of HIV & AIDS after a rape incident. 

The silent protest is one of many organized around the country by the AHF.

Advertisements

Leave a Reply

Fill in your details below or click an icon to log in:

WordPress.com Logo

You are commenting using your WordPress.com account. Log Out /  Change )

Google+ photo

You are commenting using your Google+ account. Log Out /  Change )

Twitter picture

You are commenting using your Twitter account. Log Out /  Change )

Facebook photo

You are commenting using your Facebook account. Log Out /  Change )

w

Connecting to %s