News

‘Buyisa imali yethu’ | NSFAS demands WSU student to #PayBackTheMoney

Staff Writer

I-arente encedisa abafundi abangathathi ntweni (NSFAS) kumaziko aphakamileyo wemfundo ikhuphe ingxelo ethi umfundi obandakanyeka kwisigigaba sokufumana izigidi ezilishumi elinesine (R14 million) ngempazamo makahlawule imali ayisebenzisileyo.

Oku kuza emva kokuba umfundi wase Walter Sisulu University (WSU) ubhaqwe enesithonga semali ekhutshwa liqumrhu elincedisa abafundi abangathathi ntweni uNSFAS.

I-NSFAS ikhuphe ingxelo kwikhasi uFacebook isithi lomfundi wasetyhini makahlawule imali engama-R814 000 kwimali ezili-R14 000 000 efakwe ngeempazamo kwikhadi layo lokuthenga ukutya. Isithethi sase-WSU, uYonela Tukwayo uthe impazamo ingakwicala lenkampani eqeshelwe ukuhlawula abafundi i-Intellimali. UTukwayo naye uthe lomfundi kuzakunyanzeleka eyibuyisile imali ayisebenzisileyo.

I-NSFAS ikwadize nokuba ikhadi lokutheng ukutya lalomfundi livaliwe.

Ezi sisi gigaba sifika ngexesha amaziko emfundo aphakamileyo exakene nabafundi abaqhankqalaza mihla nezolo ngemiba efana nokunqongophala kweemali ka NSFAS. Umfundi obandakanyekayo akafumaneka.

English summary:

NSFAS has released a statement calling for the student implicated in a R14 million allowance saga to pay back the money.
NSFAS revealed that the student had spent over R800 000 of the R14 million which was accidentally loaded on her meal card by Intellimali, the agency responsible for distributing allowances to students.

Advertisements

Leave a Reply

This site uses Akismet to reduce spam. Learn how your comment data is processed.