Vernac News Cape Town

Office furniture moved as UCT anticipates protests | Iyangcangcazela ingwatyu kwabasebenza e-UCT

Advertisements

Staff Writer

Scroll down for English
Ekapa – Iimpukane eziluhlaza zihlebele iVernac News ukuba ikhutshiwe ifenitshala kumagumbi wokusebenzela athile kwiDyunivesithi yaseKapa kulungiselelwa uqhankqalazo olulindeleke ukuqala ngoMvulo.

Ikhutshiwe ifenitshala kwii-ofisi ze-Centre for Higher Education Development kunye nezeSebe lezabaFundi ezikwisakhiwo iSteve Biko kulungiselelwa uqhankqalazo olunoqala ngoMvulo. Isakhiwo iSteve Biko sisekwasebenza njenge-ofisi yeBhunga labafundi kwaye kulapho abafundi bamana ukuhlala khona xa kukho uqhankqalazo.

Kwiveki ephelileyo iBhunga labafundi e-UCT likhuphe ingxelo bekhwela bezehlela kubaphathi baledyunivesithi ngelithi abazimiselanga ukuxoxa ngokunyanisekileyo malunga nemiba etshisibunzi kweliziko. Enye yalemiba kukugxothwa kwabafundi abatyala imali yesikolo nabanikwe iiveki nje ezimbini ukuba bahlawule amatyala abo okanye baphume baphele kwidyunivesithi yaseKapa.

Eli bhunga likwatyhole abaphathi baledyunivesithi ngokuxhaphaza abasebenzi ngelithi abasebenzi basekhitshini nabacocayo banikwa umsebenzi othe xaxe babe bembalwa bona abasebenzi. Bathe ledyunivesithi ibeka impilo yabasebenzi esichengeni ngokubasbenzisa ngamanzi aneekhemikhali benganxibanga mpahla ikhuselekileyo ezandleni okanye emehlweni.

Kusenjalo inkokheli yabafundi, u-Athabile Noxuba, uhlabe ikhwelo lembizo ekulindeleke ishukuxe lemiba ibalwe ngentla. Lendibano izakubanjwa ngoMvulo emva kwemini ngase Graca Machel.

Ibingekaphendulwa imibuzo yethu sisithethi seDyunivesithi ngexa sipapasha eliphepha.

English translation:

Cape Town – Vernac News has reliably learnt that the furniture at some administration offices at the University of Cape Town has been removed in fear of protest action that could begin on Monday.

The offices of the Centre for Higher Education Development and the Department of Student Affairs, located at the Steve Biko Union Building on Upper Campus, have had their furniture removed. Steve Biko also houses the SRC and has become a site of protest occupations in the recent months.

Last week the UCT SRC released a statement accusing UCT management of undermining the need for talks to resolve certain issues plaguing the university. Chief amongst these is the impending financial exclusion of 23 students on debt. The students are said to having been given until the 15th of September to pay all outstanding fees.

The SRC also alleged that UCT workers remain understaffed and overworked despite having been insourced over a year ago. Workers are said to be without the necessary protective gear required to be worn when working with dangerous chemicals. Even more damning is the revelation that the workers who were promised full benefits of being UCT employees are without a provident fund.

Meanwhile, student leader Athabile Nonxuba has called for a mass meeting expected to deliberate on these issues. This meeting will be held on Monday, 04 September at lunchtime at the Grace Machel lawns on Lower Campus.

UCT had not yet responded to our questions at the time of publishing.

Read UCT’s response here

Advertisements