Sitshisiwe isakhiwo sase-CPUT | CPUT building petrol bombed 

thumbnail

Staff Writer 
Ekapa – Kuphinde kwatshiswa esinye isakhiwo kwikhampasi yase-Mowbray e-CPUT ngobusuku bangoLwesihlanu.

Isakhiwo esitshisiweyo e-CPUT (Ifoto: Yandisa Nazo)

Akukacaci ukuba ngubani otshisileyo. Isithethi sase-CPUT uLauren Kansley uthe akukabikho nkcukacha zicacileyo ngesisiganeko. 
Oku kuza emva kokuba iikhampasi zivaliwe kulandela uqhankqalazo oluhamba nodushe kuleveki iphelileyo. UGqr. Nhlapho oyinqununu e-CPUT ukhuphe ingxelo ngoLwesihlanu echaza ukuba iikhampasi zizakuvulwa ngoLwesithathu weveki ezayo.
English summary: 
An Arts building at the CPUT Mowbray campus was petrol bombed on Friday night.  CPUT spokesperson Lauren Kansely confirmed the incident but said that they had no further details on it. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

Back To Top