News

Two students arrested in march to parliament | Kubanjwe ababini kwimatshi yasePalamente

EKapa – Kubanjwe abafundi ababini emva konqguzulwano phakathi kwabafundi namapolisa kuqhankqalazo obelusingise ePalamente.

Abafundi bedyunivesithi yaseKapa (UCT) kunye nabase Cape Peninsula University of Technology (CPUT) bebesingise ePalamente emva kwemini ngeliyokufaka uxinzelelo kuMongameli uJacob Zuma ukuba akuphe ingxelo yeKomishoni yophando malunga nemfundo yafele-fele. Bangquzulene namapolisa bengekafiki nasePalamente, kolo ngquzulwano kubanjwe abantu ababini.

Phambi kokuba bamatshele ePalamente, abafundi bebengena kwizakhiwo ngezakhiwo e-UCT nase-CPUT eMobray beqokelela abafundi bekwaphazamisa neemviwo, uMongameli weBhunga laBafundi uSeipati Tshabalala ebekhokhele elo dabi eyalela abo babhala imviwo ukuba bazibandakanye neliphulo lokuchasa ukonyuswa kwemali yemfundo ngomyinge wesibhozo ukuya kutsho kwishumi.

Kuzakubanjwa intlanganiso ngokuhlwa e-UCT ezakunika umkhombandlela.

English:

Cape Town – Two people have been arrested after students from the University of Cape Town (UCT) and Cape Peninsula University of Technology (CPUT) attempted to march to Parliament to put pressure on President Jacob Zuma to release the much awaited Fees Commission Report.

UCT students disrupted the Sports Center examination hall earlier today,with SRC president Seipati Tshabalala, urging students to join their call rejecting the proposed 8-10% fee hike by UCT.
The students then marched to parliament but the march was shortlived as police ordered them to leave the parliamentary precint resulting in skirmishes which saw two people arrested.

Resolutions of an evening plenary held at UCT on Wednesday, to pave a way forward, are yet to be known.

Advertisements

Categories: News

Leave a Reply

Fill in your details below or click an icon to log in:

WordPress.com Logo

You are commenting using your WordPress.com account. Log Out / Change )

Twitter picture

You are commenting using your Twitter account. Log Out / Change )

Facebook photo

You are commenting using your Facebook account. Log Out / Change )

Google+ photo

You are commenting using your Google+ account. Log Out / Change )

Connecting to %s