Ekapa – UMongameli uZuma ubhengeze ukusekwa kwekomishoni ezakuphanda ukubanjwa ngobhongwana korhulumente ngabantu babucala.
Le komishoni izakukhokhelwa lisekela-jaji leNkundla yomgaqo-siseko ujaji Raymond Zondo.
UZuma uthe “le komishoni ayizokubanamkhethe, izakuphanda zonke izityholo zokubanjwa ngobhongwana kukarhulumente ngabantu babucala”. UMongameli uqhubeke wathi ukusekwa kwalekomishoni kubalulekile ukuze abantu babone ukuba urhulumente uzimisele ukulwa urhwaphilizo.
UMongameli Zuma ujongene nezityholo zokunikezela ngoxanduva lokuqeshwa kwabaphathiswa kusapho lweGuptas.
English:
President Zuma has announced the commission of inquiry into #StateCapture. The commission will be headed by deputy Chief Justice Raymond
Categories: News, Updates and Press Releases