News

Kuchithwe ilindle kwigumbi lotyela e-UCT | Poo thrown in UCT rez dining hall

EKapa – Ngentsasa yangoLwesine abafundi abahlala kwindawo yabafundi iGraca Machel neLeo Marquard bothukile xa bevuswa livumba lelindle ebelichithwe kwindawo yokutyela.

29745356_121932705318659_920388774_n

Ilindle kwigumbi lokuphekela e-UCT (Umfanekiso: Uthunyelwe)

Kuvakala ukuba eli lindle ligalelwe ngentseni yangoLwesine, akukacaci ukuba ngoobani abenze lomkhwa.

Oku kufike kanye ngethuba abasebenzi baseGraca Machel bekhalaza ngeemeko ezingaginyisi mathe emsebenzini, ukunqongophala kwabasebenzi nto leyo edala uxinzelelo kwabo basebenzayo, ukutshintshwa kweengcaciso yomsebenzi kunye nezinye izikhalazo eziquka ungasebenzi komatshini ohlamba izitya nto leyo eyenza umthalo nzima kubasebenzi.

Namhlanje abasebenzi abavumanga ukungena kwigumbi lokuphekela bekhala ngevumba lelindle eliqatseleyo.

U-Elijah Moholola osisithethi sase-UCT, enga ngenanga nzulu, uthe luyaqhubeka uthethwa-thethwano phakathi kwabo nabasebenzi malunga nezi zikhalazo.

UMoholola wongeze ngelithi ledyunivesithi iyaqhubeka nokutshintsha iimpilo zabantu sukela mhla abasebenzi baqashwa yiledyunivesithi besuka kwiinkampani zabucala. Ubalule ukunyuka kwemivuzo ngomyinge osukela ku16% ukuya kutsho ku96% ngenjobungqina bokuzinikela kwaledyunivesithi kubulungisa nontshintsho ekuhlaleni.

UMoholola uthe iholo laseGraca linabasebenzi abayi-24 abajongene nokuphekela abafundi abayi-381.Lonto ithetha ukuba umsebenzi ngamnye uphekela abafundi abayi-16 xa kuthelekiswa nezinye iiRez apho umsebenzi ngamnye ejongene nabafundi abayi-20.

 

English:

UCT students staying in Leo Marquard and Graca Machel Halls woke up to a heavy stench of human faeces on Thursday morning.

It is believed that the faeces was thrown in the early hours of the morning. It is not clear at this stage who the culprits are nor whether anyone has been caught for this.

29663855_121932571985339_1999447794_n

Human faeces thrown at a UCT kicthen (Pic: Supplied)

As a result of this, workers did not enter the kitchen citing the foul-smelling poo.

The poo-throwing coincides with feelings of discontent as Graca Machel workers allege that they are understaffed, underesourced, victimized and in some instances certain job descriptions have been changed without the prior knowledge of the affected workers.

UCT spokesperson Elijah Moholola denied the existence of a strike by workers and without delving deep into the issues at hand indicated that there are ongoing talks between management and the worker’s representatives to address this. Moholola cited the increase in the worker’s salaries from 16%-96%, after they were insourced, as evidenced of the university’s commitment to social justice and transformation.

Moholola also denied that Graca Machel was understaffed saying that the residence has 24 catering staff who serve 381 students, meaning that the residence’s staffing ratio is 1 staff member to 16 students as compared to other residences with a ration of 1 is to 20.

Advertisements

Categories: News

Leave a Reply

Fill in your details below or click an icon to log in:

WordPress.com Logo

You are commenting using your WordPress.com account. Log Out /  Change )

Google+ photo

You are commenting using your Google+ account. Log Out /  Change )

Twitter picture

You are commenting using your Twitter account. Log Out /  Change )

Facebook photo

You are commenting using your Facebook account. Log Out /  Change )

Connecting to %s