Poetry

Nomzamo: A poem for Winnie Madikizela-Mandela #WinnieMandelaFuneral (isiXhosa & English)

Nozipho Madlala

Translated into isiXhosa by Akha Tutu

Nomzamo

Uphile ubomi unguNomzamo- unozala wemizamo;

Lowo uzamayo.

Ukubaleka, yinto ongazange uyizame.

Ukusithanda isizwe, kuwe akukhange kube ngumzamo.

Nomzamo- ilwalwa! Imbokodo!

Nomzamo, ubuhle bakho ibibobexesha elingenammiselo.

Ubudala bakho bebufunyanwa kwimizabalazo, bufunyanwa kumaxesha ka“Yes madam, yes bass” kanti bukwabhaqwa naphaya kumathuba ka “kwanele! Phantsi ngeDompasi!”

Ubuso bakho babayimbonakaliso yethemba elaliluzizi

Kuba awuzange ugobe,

Ungazange wophuke.

Ilwalwa, imbokodo!

Usithwele isizwe esiye kamva sakukhahlela phantsi kwamathunzi;

Sinxiliswe ziinyani ezingezonyani nonomgogwana kasingankululeko.

Ibe yiminyaka ukuba sikhwaze ngazwinye sithi: “Phila ngonaphakade Kumkanikazi!”

Kuba asikwazanga kangangethuba elide.

Singabhal’ amagama aliwaka kodwa, kowu!

Sakuba sesishiywe lixesha ukuba singangqina sithi:

“Akonanga.”

Sikuhluthe igama elihle Nomzamo

Litye lenyengane laseBizana

Umama wesizwe!

Ilitye! Imbokodo!

Kakade ibikukufa kodwa ebekuya kukuguqisa ngamadolo.

Ulale ngoxolo.

 

English

Nomzamo

You lived your life as Nomzamo-

Mother of endeavours;

She who tries.

But you never tried

To run.

And you loved this nation

Without trying.

Nomzamo-

Rock! Mbokodo!

Your beauty was timeless.

Your age was somewhere between

Revolutions;

Somewhere between, “Yes madam, yes baas”

and

“Enough is enough, I refuse to carry a pass!”

Your face was the epitome of breaking points

That could never be reached.

For you did not crack.

And you would not break.

Rock! Mbokodo!

You carried a nation that would only salute you

In the shadows;

Too drunk on untruths and false freedoms

To stand together long enough to shout,

“Long live the Queen!”

It took us long to finally get to know you.

We could pen a thousand words,

But it would still be too late to say,

“She didn’t do it.”

We robbed you of a good name, Nomzamo.

Jewel of Bizana!

Mother of the nation!

Rock! Mbokodo!

Only death could struck you to surrender.

Lala ngoxolo Mangutyana.

Advertisements

Leave a Reply

Fill in your details below or click an icon to log in:

WordPress.com Logo

You are commenting using your WordPress.com account. Log Out /  Change )

Google+ photo

You are commenting using your Google+ account. Log Out /  Change )

Twitter picture

You are commenting using your Twitter account. Log Out /  Change )

Facebook photo

You are commenting using your Facebook account. Log Out /  Change )

w

Connecting to %s