Sport

Ibethiwe iSundowns yiBarcelona #SundownsBarca

Ekapa – Iintshatsheli zeli iMamelodi Sundowns zibethwe kanobom zintshatsheli zaseSpain iBarcelona ngamanqaku amathathu kwelinye ngoLwesithathu.

Ibala iFNB belizele lime ngeembambo ngoLwesithathu ukuzokubukela lamaqela edlalela indebe iNelson Mandela Centenary Cup ebhiyozela iminyaka elikhulu uMadiba walibonayo ilanga.

Akuphelanga nemizuzu emihlanu ke ikhalile impempe, wayifaka emnatheni uOusmane Dembélé oyifolosi yeBarcelona emva kwempazamo yedonga leSundowns.

Babethe bebuyelela okwezulu laseMthatha abafana baseCatalunya ngenqaku lika Luis Suarez ngomzuzu weshumi elinethoba.

Kuyiwe ekhefini iBarcelona ikhokhela ngamanqaku amabini.

Baphindile kwakho bewuvavanya umnatha weSandawana bafika ipali zivulekile wangcangcazela umnatha linqaku lika Andres Gomes ngomzuzu wamashumi amathandathu anesixhenxe.

USibusiso Vilakazi ufake elokubika ekhaya ngomzuzu wamashumi asixhenxe anasithandathu.

ULionel Messi noyintandokazi yabalandeli ungene kwisigaba sesibini salomdlalo phantsi kweentswahla yehlokondiba labalandeli ebebemkhwaza ngegama.

Umdlalo uphele iBarcelona inamanqaku amathathu kwelinye leSundowns.

IBarcelona ziintshatsheli zeNelson Mandela Centenary Cup.

Advertisements

Leave a Reply

Fill in your details below or click an icon to log in:

WordPress.com Logo

You are commenting using your WordPress.com account. Log Out /  Change )

Google+ photo

You are commenting using your Google+ account. Log Out /  Change )

Twitter picture

You are commenting using your Twitter account. Log Out /  Change )

Facebook photo

You are commenting using your Facebook account. Log Out /  Change )

Connecting to %s