News

‘Uhambo lokugaya inkxaso yokuchithwa kwamatyala abafundi yinkcitha-mali’ | Decriminalize FMF trip a waste of funds -DASO UCT

Ekapa- Iqela leDASO e-UCT lityhola amalungu weBhunga laBafundi e-UCT ngokusebenzisa gwenxa imali yelibhunga.

IDASO ithi imali engange-R30 000 ibekwe bucala kulungiselelwa uhambo lamalungu amathathu we-SRC aya eRhawutini ngeliyokugaya inkxaso koogxababo kwiphulo i- #DecriminalizeFeesMustFall.

IDASO ityhola ilungu layo elinqunyanyisiweyo nelinguNongxowa weliBhunga ngokuvumela oku. Baqhubeke ngelithi beliqela leDASO bona balibona oluhambo lokugaya inkxaso yokuchithwa kwamatyala abafundi njengenkcitha-mali enokusetyenziswa ekuncediseni abafundi.

Eliqela lithe lizakubhalela kwinqununu ukuba zinqumamise izigcini-mali zelibhunga ngelokunqanda oluhambo.

Kodwa ngoLwesihlanu lamalungu abanakale kumakhasi wonxibelelwano ekwisikhulo senqwelo-moya saseKapa belinde inqwelo-ntaka esingise eRhawutini.

UMasixole Mlandu ongusekela mongameli welibhunga, nozakuthabatha inxaxheba koluhambo, uphawule ngokuzikhaba ezizityholo esithi eliphulo lixhaswa bubuninzi belibhunga kwaye amalungu weDASO akasulubeki kwiintlanganiso zelibhunga yiyo nalonto bengenalwazi loku. Wenze njalo naye uSihle Lonzi ephawula ngelithi ‘bubuvuvu ezi zityholo kwaye buphephethwa liqela elizicelela injezu emva kokuphelelwa ekhampasini’.

U-Athabile Nonxuba, Christopher Logan kunye noNobhala we-SRC bebengekaphawuli ngexesha sipapasha elinqaku.

English:

DASO UCT has accused four UCT SRC members of misusing SRC funds for a trip to Johannesburg to lobby other SRCs to support the #DecriminalizeFeesMustFall campaign.

DASO fingered suspended DASO member and current UCT SRC Treasurer General, Christopher Logan, of enabling what they view to be wasteful expenditure on a “political scheme rather than spending it on assisting students facing financial exclusions, in need of hygiene supplies and food”.

The organization said that it would be writing to the Vice Chancellor to have the SRC accounts frozen in a bid to stop this trip.

On Friday, four SRC members were pictures on social media at the Cape Town Airport waiting for their flight to Johannesburg.

Masixole Mlandu said that the campaign is supported by the entire SRC and DASO members would not know this as they no longer attend SRC meetings.

Sihle Lonzi also dismissed these allegations saying “it’s a factually incorrect statement by a sad excuse of a student organization which is obsessed with rescuing its dying relevance on campus”.

Athabile Nonxuba, Christopher Logan and the SRC’s Secretariat had yet to respond to requests for comment at the time of publishing.

Advertisements

Categories: News

Tagged as:

Leave a Reply

Fill in your details below or click an icon to log in:

WordPress.com Logo

You are commenting using your WordPress.com account. Log Out /  Change )

Google+ photo

You are commenting using your Google+ account. Log Out /  Change )

Twitter picture

You are commenting using your Twitter account. Log Out /  Change )

Facebook photo

You are commenting using your Facebook account. Log Out /  Change )

w

Connecting to %s