Food, Fashion & Entertainment

Uyeza uBeyoncé ….akahambi yedwa!

Ekapa – Imvumi yodumo yaseMelika uBeyoncé nabanye oosaziwayo kulindeleke ukuba bandwendwele eli loMzantsi Afrika bezokucula kumnyhadala wokubhiyozela ikhulu leminyaka wazwalwayo owayesakuba ngumongameli weli umfi uNelson Mandela.

UBeyoncé nomyeni wakhe uJay-Z bazakubazimvumi eziphambili kumnhyadala we- Global Citizen Festival: Mandela 100 ozakubanjwa ngomhla we- 2 EyoMnga 2018.

Ezinye iimvumi ezizakubayinxalenye yalomnhyadala ziquka uCassper Nyovest, D’Banj, Sho Madjozi, Ed Sheeran, Femi Kuti, Eddie Vedder, Wizkid, Chris Martin, Tiwa Savage, Usher kunye no Pharrell Williams.

Lomnyhadala uququzelwe yi Patrice Motsepe Foundation ibambisene kunye ne Johnson & Johnson, Cisco, Nedbank, Vodacom, Big Concerts, House of Mandela, Bill & Melinda Gates Foundation Goalkeepers, Eldridge Industries kunye ne-HP.

Usaziwayo u-Oprah Winfrey kulindeleke ukuba enze intetho ephambili malunga nobomi nemisebenzi kaMadiba. UNaomi Campbell uzokubangusotheko encediswa nguBonang Matheba, Mnu. Bob Geldof, Gayle King, Tyler Perry no Forest Whitaker.

Ayasetyenzelwa ke amatikiti wokungena kwibala i-FNB. Amatshantliziyo nabathandi bomculo kufuneka bebhalise ku http://globalcitizen.org.za/ ukuze babesethubeni lokufumana indawo.

Advertisements

Leave a Reply

This site uses Akismet to reduce spam. Learn how your comment data is processed.