KUDUTYULWE KWABULAWA ABANTU KWINDAWO YENTSELO EKHAYELITSHA

thumbnail
8Amapolisa aseKhayelitsha aphume uphulo azingela amadoda adububule abantu kwindawo yolonwabo

Bashiyeke bembambe ongezantsi abahlali base Site B eKhayelitsha emva kokuba kudutyulwe kwabulawa abantu abasixhexe kwi ndawo yolonwabo, abathandathu bashiyeke bekwimeko engaginyisi mathe esibhedlele ukuquka intwazanana eneminyaka emithandathu. . Esi siganeko senzeke ngoMgqibelo ebusuku.

Umzimba wexhoba lesixhenxe ekukholeleka ukuba ngumnini mzi apho kwenzekele khona intlekele ufunyenwe uthe tywa emva kwetyotyombe elikufutshane nendawo yesiganeko ngobusuku bange Cawe.

Ngokwengxelo yabahlali bathi kungene amadoda angaziwayo afika avulela ngerhuluwa badubula abantu ebebengaphakathi kwindlu yolonwabo. Abahlali baphila phantsi koloyiko emva kwesi sehlo.

Isithethi samapolisa u Novela Potelwa uchaze wathi “ abantu abahlanu baye baswelekela kwindawo yexhwayelo, elinye lamaxhoba lisweleke emva kokuba lingeniswe esibhedlele”.

“Amapolisa azingela abenzi bobubi kwaye ityala lisaphandwa. Babongoza nabani na  onolwazi ngesi siganeko aze phambili”.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

Back To Top